Thursday, 5 May 2016

Ingcingane

Ndithe ukujonga wabe ukunde ngengcinga
Kowu kazi konakele phi na?
Wawa chancatha amathafa akulongcingane ngomzuzwana
Wanxuluba imbukeko yakho ngomzuzwana
Kazi ndabazini na ezi uzishukuxayo ngentliziyo nangengqondo yakho
Kazi ngxushu yini na ingenakuthetheka ebantwini ibene sisombululo
Zaqegqeleka iinyembezi ukucanda lomathafa atum tum ezidlele
Kazi konakele phi na?
Yini na ukubayingxididi ngesaquphe
Hayi suzibopha ngamatyathanga obom
Kowu ngcindezi yengcingane mxolele
Kowu makhamandela engcingane mkhulule engekonzakali
Yayele kwisiziba sengcingane ifuna ukulandwa
Kazi konakele phi na?
Kazi uyokhululeka njani na?
Wawanqunqutha amazinyo kabuhlungu kuba kaloku awuziva kuba ingcingane ikupheka ikophula kwelodangatya lomlilo
Hayi vuthulula usukume ayilo lizwe lankenenke eli
Sukuma ume suziyeka zikuvuyelele ingcingane...MbithaM

No comments: