Wednesday, 22 June 2016

Phupha

Phupha lam ukude kangakanani na uba mawufike
Phupha lama ufutshane kangakanani na uba masibonane
Ndibangalala ndivuka nethemba lokubona
Kowu uyoze aphumelele nini na yena umntwana weqaba naye azophila ngokufanelekileyo
Kowu mntana womgquba eyakho impumelelo ithe qelele oku kwethamsanqa
Ndithi ndakukhangela phesheya komlanjana phaya ndingakuboni suke ndibone sekumanzi izidlele
Ngcindezi zobom undiphehluzelisa nde ndimana uzibuza uba kanti elam iphupha lizimele phi na
Ndithi ndakukhangela ndisihla ndinyuka amaxethuka ndisuke ndiphathwe ngumva ndedwa

Kowu madoda sisimanga sephupha eli. 
Phupha ndini khawundihlangabeze. 
Hlabu khangele mfana lizovela icebo lokudibana nephupha.
 Kowu phupha lam amalanga ayahamba ndijonge enkalweni.
 Kazi sohlanga xa amathunzi ejonge kweliphi icala..MbithaM

No comments: