Phupha lam ukude kangakanani
na uba mawufike
Phupha lama ufutshane
kangakanani na uba masibonane
Ndibangalala ndivuka nethemba
lokubona
Kowu uyoze aphumelele nini na
yena umntwana weqaba naye azophila ngokufanelekileyo
Kowu mntana womgquba eyakho impumelelo
ithe qelele oku kwethamsanqa
Ndithi ndakukhangela phesheya
komlanjana phaya ndingakuboni suke ndibone sekumanzi izidlele
Ngcindezi zobom
undiphehluzelisa nde ndimana uzibuza uba kanti elam iphupha lizimele phi na
Ndithi ndakukhangela ndisihla
ndinyuka amaxethuka ndisuke ndiphathwe ngumva ndedwa
Kowu madoda sisimanga
sephupha eli.
Phupha ndini khawundihlangabeze.
Hlabu khangele mfana lizovela
icebo lokudibana nephupha.
Kowu phupha lam amalanga ayahamba ndijonge
enkalweni.
Kazi sohlanga xa amathunzi ejonge kweliphi icala..MbithaM
No comments:
Post a Comment