Waqhawuk'ujingi abantwana bedlala. Waze wandijija
wandijikijela ntambo ndini yothanda. Wayishiya intliziyo ithatha ibeka ixela
uloliwa ngexesha logoduka abaphangeli.
Waze wayishiya intliziyo izingceba
ezingenongcibeka.
Ntliziyo ndini ushiyeka usemdyarhweni ubaleka uphindela
emva udlala inkumbulo ezihlukumeza umphemfulo.
Kowu buyatha bentliziyo ndanikela
ngawe ndaxela amajuda enikela unyana womntu emntwini. Kuyintoni na unikeza
ngentliziyo yakho emntwini kanti uzoyityhakatyha ngekrela ayityumze oku
kwentwala ?
Zizwe ndini zaze zabona umhlola kokubhentsa kwentliziyo ibhentsiswa
luthando.
Kowu beluyintoni na
kanti uthando?
khona uyinto evelaphi?
Awu matyathanga obu bom ndiyeke
Kanti ndazibophelela ndaziqamangela ndingazi uba kuyoze
kube nje.
Bathi abaziyo xa kunje komanzi kobekela phi na kowomileyo kodwa mna
ndithi ukuba ndim ngenene lo wone le ntliziyo krele ndini ndityumze
undityakatye.
Kodwa ikwanguwe owaziyo uba konakele phi na?
Matyathanga ndini
ndophule kulembiza ndiyatsha.....MbithaM
No comments:
Post a Comment