Tuesday, 12 April 2016

Amatyathanga obom


Waqhawuk'ujingi abantwana bedlala. Waze wandijija wandijikijela ntambo ndini yothanda. Wayishiya intliziyo ithatha ibeka ixela uloliwa ngexesha logoduka abaphangeli.
 Waze wayishiya intliziyo izingceba ezingenongcibeka.
Ntliziyo ndini ushiyeka usemdyarhweni ubaleka uphindela emva udlala inkumbulo ezihlukumeza umphemfulo.
Kowu buyatha bentliziyo ndanikela ngawe ndaxela amajuda enikela unyana womntu emntwini. Kuyintoni na unikeza ngentliziyo yakho emntwini kanti uzoyityhakatyha ngekrela ayityumze oku kwentwala ?
 Zizwe ndini zaze zabona umhlola kokubhentsa kwentliziyo ibhentsiswa luthando.
 Kowu beluyintoni na kanti uthando?
 khona uyinto evelaphi? 
Awu matyathanga obu bom ndiyeke
Kanti ndazibophelela ndaziqamangela ndingazi uba kuyoze kube nje.
Bathi abaziyo xa kunje komanzi kobekela phi na kowomileyo kodwa mna ndithi ukuba ndim ngenene lo wone le ntliziyo krele ndini ndityumze undityakatye. 
Kodwa ikwanguwe owaziyo uba konakele phi na?
Matyathanga ndini ndophule kulembiza ndiyatsha.....MbithaM


No comments: