Tuesday, 12 April 2016

Ntakana


Viiityo ntakana viityo

Kowu bhabha ntakandini uqandwe zinkwenkwezi. 
Canda esosibhakabhaka uphaphazele phakathi kwalo makhangala wezangxa.
 Libange elozulu kuba nawe liyakulingana. 
Phaphazela utyiloze phakathi kwazo bazakuva. 
Jonga phambili uzingise wazi uba akubuywa mva uqaqambe uphuhlise isakhono sakho oku komngc'ezulu emveni kwesithonga semvula. 
Ndandela phezulwana usingise ngapha kwezonkwenkwezi. 
Ewe bekumelezekile uliqaqambise ikamva lakho kuba akho namnye onokolathwa endaweni yakho aqaqambise wena. 
Hayi mani ntakana tyilo tyilo ntakana.
 Hlab'umilisele isakhono sobunkokheli.
 Intambo zibambe ungaziphunculi. 
Yitsale lomikhala liqhuqhe elohashe libheke phambili liyobika komkhulu uba usana lufikile. Ntingaaaa ntakandini.
 Ewe kaloku kumelezekile untingele phezulu.
 Viiityo takana tyiloooo.
 Malivakale elo lizwi lityiloza liphuhlisa liphumelisa imiphumela enganukulibaleka...MbithaM

No comments: