Viiityo ntakana viityo
Kowu bhabha ntakandini
uqandwe zinkwenkwezi.
Canda esosibhakabhaka uphaphazele phakathi kwalo
makhangala wezangxa.
Libange elozulu kuba nawe liyakulingana.
Phaphazela
utyiloze phakathi kwazo bazakuva.
Jonga phambili uzingise wazi uba akubuywa mva
uqaqambe uphuhlise isakhono sakho oku komngc'ezulu emveni kwesithonga semvula.
Ndandela phezulwana usingise ngapha kwezonkwenkwezi.
Ewe bekumelezekile
uliqaqambise ikamva lakho kuba akho namnye onokolathwa endaweni yakho
aqaqambise wena.
Hayi mani ntakana tyilo tyilo ntakana.
Hlab'umilisele isakhono
sobunkokheli.
Intambo zibambe ungaziphunculi.
Yitsale lomikhala liqhuqhe
elohashe libheke phambili liyobika komkhulu uba usana lufikile. Ntingaaaa
ntakandini.
Ewe kaloku kumelezekile untingele phezulu.
Viiityo takana tyiloooo.
Malivakale elo lizwi lityiloza liphuhlisa liphumelisa imiphumela
enganukulibaleka...MbithaM
No comments:
Post a Comment