Wednesday, 2 December 2015

Mhlukumezi

Owu umoya wam uwuhlukumezile
Ubumna ubuthathile kum
Ingqondo ithatha ibeka kuba uyihluthule eluzinzweni lwayo
Ingqindi lakho litshintshe imbukeko yobuso bam
Uthe xa undikhaba wandinika kumila kumbi
Kazi ubudoda bakho buliqhayiya na
Ndoda ndini siyintoni na isono sam ebusweni bakho
Iqhayiya lobuntu bam ulutshitshisile
Mhlukumezi buphi na Ubuntu bakho
Ndithi xa ndikujonga kuse kuthi mandisitsho isijwili
Kowu mntu ndini ubuthathile ubuntu bam
Kowu waze wandihlukumeza

Mhla le ndizibona ndingengomntu ofanele ukuphila kuba mna ndiyinto engento kuba undihlukumzile Andikwazi nokuzibuka ndibeneqhayiya ngobu mna... MbithaM

No comments: