Owu umoya wam uwuhlukumezile
Ubumna ubuthathile kum
Ingqondo ithatha ibeka kuba
uyihluthule eluzinzweni lwayo
Ingqindi lakho litshintshe imbukeko
yobuso bam
Uthe xa undikhaba wandinika kumila
kumbi
Kazi ubudoda bakho buliqhayiya na
Ndoda ndini siyintoni na isono sam
ebusweni bakho
Iqhayiya lobuntu bam ulutshitshisile
Mhlukumezi buphi na Ubuntu bakho
Ndithi xa ndikujonga kuse kuthi
mandisitsho isijwili
Kowu mntu ndini ubuthathile ubuntu
bam
Kowu waze wandihlukumeza
Mhla le ndizibona ndingengomntu
ofanele ukuphila kuba mna ndiyinto engento kuba undihlukumzile Andikwazi nokuzibuka ndibeneqhayiya ngobu mna... MbithaM
No comments:
Post a Comment