Ndihla ndisenyuka nevumba lokufa lihamba nam
kazi ukuzalwa kwam ndilibhinqa lashwatyulelwa kusini na?
kowu sizwe ndini uyawuhlukumeza umphefumlo wam
kowu sizwe ndini ndingazifihla phi kula marhamncwe welilizwe
Iqhayina nebhongo lam lobubhinqa sisithuko kum
Ndithi sele ndibhenca ndizibuka oku kukathekwane suke amehlo agcwale iinyeembezi kuba kusuke kubuye wonke la magama nezi ziba ndityatyekwa zona
satsho sathi ndiii isikhalo sebhinqa sifuna inkululeko
yini na ubume bam nesini sam ukudenza ixhoba lesizwe
yini na ubume bam nesini sam ukundenzela iintshaba
Kazi ndoyaphi na?
kazi ndotshona phi na?
kowu konakele laze laphela ikamva le bhinqa kujongiwe
Hayini Mzantsi Afrika nibukele isizwe sitshabalala
kanti UBUNTU bayaphi na kwel'izwe
Kowu bhuti tata mantakwethi yini na ukundihlukumeza
Hayi bo kanti siyini na isono sam
Bhuti, tata ubuyinto yonke kum
xa ndinawe ilizwe beliphelele kum
xa ukhona konke bekulungile
xa ukhona bendikhuselekile
Kodwa undijikele
Ndithi ndakujonga ndibone isilwanyana esibumila kumbi
Awoneli kusini na sisijwili esitsho ezindlebeni zakho
Hayini laphela ikamva lama bhinqa sijongile
Vuka sizwe konakele
Nawe thethelela konakele....MbithaM
No comments:
Post a Comment