Kanti olwakho ulwanabo luphi
na
Xa uqala uthi uyakhululeka
uyamkela
kufike isivinini sithathe lontlatsana yolonwabo lwakho luyijikijele
ilulahle kude usale uzibuza kanti olwakho ulwanabo lwayaphi na?
Kowu koze kube nini na
usophisa amaduma angena mosuli ?
Kowu koze kube nini na
uzikhotha amanxeba ?
Kowu koze kube nini na
ulilolo ?
Elowo na lowo ufika akuqabe
akuphanyaze ngodaka uth?
Ubumnandi bucima usabubukele...... MbithaM
No comments:
Post a Comment