Hayi bo madoda wabekwa mhla
wacwangcwisa. Akange afumame sazizo selidinga kodwa lona lingaye. Tyhini
ntozakuthi kwaxoxwa kwashukuxwa, kwathathwa nezigqibo ngaye engavanga nto.
Kowuu bagqiba uba soze abento yanto.Yeyi bamnyukunyeza bambeka amabala benzela
ukumgweba isigwebo sobom.
Hayi ndithi kwanele
ngumntwana wontu lo. Ubulaleke ngokwaneleyo makhamandela obom mkhulule. Ntambo
zentlupheko qhawuka. Bath'abamhlophe makudede ubumnyama kuvele ukhanyo.
Tyhinii sizeka bani buyela kumdali
wakho. Hayi maan mhlukumezi womphefumlo wam ndikhulule kwanele ixesha lakho
lifikelele esiphelweni. Mtyholi ndini uwuvikive wawuvavanya ngokwameleyo
umphefumlo wam. Matyathang'obom mkhululeni onwabe naye iintanga zakhe zimnkile,
intliziyo ityumzeke ngokwaneleyo.
Mpumelelo nawe Thamsanqa ndini khanimanyane
nibeyimbumba nixele amajoni emfazweni. Nimgityele nimqaqambise axele
ikat'ehlungwini. Achininike axel'imbiza ephek'inyam'eziko. Phela dinga ndini
leshwangusha....MbithaM