Thursday, 23 August 2018

Idinga


Hayi bo madoda wabekwa mhla wacwangcwisa. Akange afumame sazizo selidinga kodwa lona lingaye. Tyhini ntozakuthi kwaxoxwa kwashukuxwa, kwathathwa nezigqibo ngaye engavanga nto. Kowuu bagqiba uba soze abento yanto.Yeyi bamnyukunyeza bambeka amabala benzela ukumgweba isigwebo sobom.
Hayi ndithi kwanele ngumntwana wontu lo. Ubulaleke ngokwaneleyo makhamandela obom mkhulule. Ntambo zentlupheko qhawuka. Bath'abamhlophe makudede ubumnyama kuvele ukhanyo. Tyhinii  sizeka bani buyela kumdali wakho. Hayi maan mhlukumezi womphefumlo wam ndikhulule kwanele ixesha lakho lifikelele esiphelweni. Mtyholi ndini uwuvikive wawuvavanya ngokwameleyo umphefumlo wam. Matyathang'obom mkhululeni onwabe naye iintanga zakhe zimnkile, intliziyo ityumzeke ngokwaneleyo.
Mpumelelo  nawe Thamsanqa ndini khanimanyane nibeyimbumba nixele amajoni emfazweni. Nimgityele nimqaqambise axele ikat'ehlungwini. Achininike axel'imbiza ephek'inyam'eziko. Phela dinga ndini leshwangusha....MbithaM

No comments: