Tuesday, 12 April 2016

Amatyathanga obom


Waqhawuk'ujingi abantwana bedlala. Waze wandijija wandijikijela ntambo ndini yothanda. Wayishiya intliziyo ithatha ibeka ixela uloliwa ngexesha logoduka abaphangeli.
 Waze wayishiya intliziyo izingceba ezingenongcibeka.
Ntliziyo ndini ushiyeka usemdyarhweni ubaleka uphindela emva udlala inkumbulo ezihlukumeza umphemfulo.
Kowu buyatha bentliziyo ndanikela ngawe ndaxela amajuda enikela unyana womntu emntwini. Kuyintoni na unikeza ngentliziyo yakho emntwini kanti uzoyityhakatyha ngekrela ayityumze oku kwentwala ?
 Zizwe ndini zaze zabona umhlola kokubhentsa kwentliziyo ibhentsiswa luthando.
 Kowu beluyintoni na kanti uthando?
 khona uyinto evelaphi? 
Awu matyathanga obu bom ndiyeke
Kanti ndazibophelela ndaziqamangela ndingazi uba kuyoze kube nje.
Bathi abaziyo xa kunje komanzi kobekela phi na kowomileyo kodwa mna ndithi ukuba ndim ngenene lo wone le ntliziyo krele ndini ndityumze undityakatye. 
Kodwa ikwanguwe owaziyo uba konakele phi na?
Matyathanga ndini ndophule kulembiza ndiyatsha.....MbithaM


Tuesday, 5 April 2016

I write to inspire lives: Distinctive manager

I write to inspire lives: Distinctive manager: Sea waves comes all sides but still looking forward to keep up with pace  Some sea waves are too much to handle Yes some are too strong...

I write to inspire lives: Determined soldier

I write to inspire lives: Determined soldier: Determined soldier with a determined purpose What purpose ? I mean purpose to exceed expectations with distinction I mean determined...

I write to inspire lives: Distinctive manager

I write to inspire lives: Distinctive manager: Sea waves comes all sides but still looking forward to keep up with pace  Some sea waves are too much to handle Yes some are too strong...

I write to inspire lives: Last steps

I write to inspire lives: Last steps: Heart is divided into two Heart is broken down into million pieces that I need to collect once I step out and never look back again Hea...

I write to inspire lives: Ntliziyo endathekileyo

I write to inspire lives: Ntliziyo endathekileyo: Kanti olwakho ulwanabo luphi na Xa uqala uthi uyakhululeka uyamkela  kufike isivinini sithathe lontlatsana yolonwabo lwakho luyijikijel...

Ntliziyo endathekileyo

Kanti olwakho ulwanabo luphi na
Xa uqala uthi uyakhululeka uyamkela 
kufike isivinini sithathe lontlatsana yolonwabo lwakho luyijikijele ilulahle kude usale uzibuza kanti olwakho ulwanabo lwayaphi na? 
Kowu koze kube nini na usophisa amaduma angena mosuli ?
Kowu koze kube nini na uzikhotha amanxeba ?
Kowu koze kube nini na ulilolo ?
Elowo na lowo ufika akuqabe akuphanyaze ngodaka uth?

Ubumnandi bucima usabubukele...... MbithaM

Image result for disappointed heart